Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 3 NSC June 2015 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220155 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC June Exam 2015, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2015

Document textSearch extracted text and jump to a page.
SENIOR CERTIFICATE EXAMINATION ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) 2015 AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 2 DBE/2015 SCE IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kweli candelo. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama: 80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama: 70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 3 DBE/2015 SCE ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390 kwisincoko ngasinye. UMBUZO 1 1.1 Ndabona ukuba akukho kuthemba mntu. [50] 1.2 Ukutya nezifo. [50] 1.3 Abantwana mabafundiswe ubunkokeli besakhula. [50] 1.4 Ukuphuhliswa kwezakhono kulutsha. [50] 1.5 Xa ndinokuba ngumzali womntwana osebenzisa iziyobisi. [50] 1.6 Isisila senkuku sibonwa mhla ligquthayo. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanekileyo. 1.7.1 [Google Images] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 4 DBE/2015 SCE 1.7.2 [Google Images] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 5 DBE/2015 SCE ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi. [25] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta yesikhalazo esesikweni. [25] 2.3 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho ileta yovelwano. [25] 2.4 INGXELO ENGEKHO SIKWENI Bhala ingxelo engekho sikweni. [25] 2.5 INTETHO ENGEKHO SIKWENI Bhala intetho engekho sikweni. [25] 2.6 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo yababini. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all