Skip to content

History Grade 12 P2 Eastern Cape Mock 2021 Addendum (Eng)

AddendumHistoryGrade 12202132 pages

Grade 12 History Paper 2 addendum from the Eastern Cape Mock Exam 2021 (English), 32 pages. Read online or get the free PDF download.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com ISATIFIKETI SEBANGA LESHUMI IBANGA 12 SEPTEMBA 2021 ISIFUNDO SEZEMBALI P2 ISIHLOMELO Esi sihlomelo sinamaphepha ali-14.
Downloaded from hlayiso.com 2 IMBALI P2 (ISIHLOMELO) (EC/SEPTEMBA 2021) UMBUZO 1: ZEZIPHI IINGXAKI OBUJONGENE NAZO URHULUMENTE WESIZWE SOMZANTSI AFRIKA NGAMA-1980? UMTHOMBO 1A Lo mthombo ungezantsi ucacisa ukuba kwakutheni ukuze kubekho uqhankqalazo olumandla ngocalucalulo kwiminyaka yoo1980. Emva koQhushululu lwaseSoweto lowe1976, urhulumente woMzantsi Afrika owawukhokelwa nguP.W.Botha, wazise ngeenguqulelo ezazibiza ngokuba ziinguqu, ezibizwa ngokuba siSicwangcisoqhinga. UBotha ukwawabonile amandla oqhankqalazo lwabantu abamnyama abamanyeneyo. Urhulumente we-National Party (NP) wayeqale wasebenzisa indlela ‘yokwahlula-hlula nokulawula’ ngokwahlula abantu ngokwamaqela obuhlanga (amaXhosa, amaZulu, njlnjl) nangokuphathana ngokwahlukileyo. Oku kwahlulwahlulwa lwalungaphumeleli kwaye uqhankqalazo ngokuchasene nocalucalulo lwaya lumanyana ngakumbi. Urhulumente ke ngoko wazama ukufumana iindlela ezintsha zokwahlula abantu. Isicwangcisoqhinga sayo yayikukuvuma inani elincinci nelonyulwe ngononophelo nelilawulwayo labantu abamnyama kwinqanaba eliphakathi. Ingcinga yayiyeyokuba, ukuba ukudala iziityebi, abantuabamnyama abakudidi oluphakathi, abaza kuxhasa ucalucalulo kunye norhulumente kuba ngoku bafuna ucalucalulo ukuze bagcine izikhundla zabo eziphakamileyo (eziphezulu), kunganciphisa uqhankqalazo lwabantu abamnyama. Ngowe1982 Urhulumente ka P .W. Botha wapasisa iBantu Authorities Act yasezidolophini eyayizama ukunika amandla ngakumbi kooceba abamnyama basezilokishini. Urhulumente uzamile ukwenza ukuba umsantsa ophakathi kwabeBala namaNdiya namaAfrika ucaciswe ngakumbi. Oku kwenziwa ngomgaqo-siseko omtsha owaziswa yi- NP ngo1983. UMgaqo-siseko wadala inkqubo entsha yepalamente, ebizwa ngokuba yiTricameral Parliament. Urhulumente ka-Botha wacebisa ukuba amandla ezopolitiko eMzantsi Afrika abiwe phakathi kwabamhlophe, abebala kunye namaNdiya, nezindlu ezahlukileyo zepalamente zisekelwe iqela ngalinye lobuhlanga. Umgaqo-siseko omtsha waqalisa ukusebenza ngo1984, unamalungu ali178 (onke amhlophe) iNdlu yeNdibano, amalungu angamashumi asibhozo anesihlanu (abebala) iNdlu yabaMeli kunye namalungu angamashumi asibhozo anesihlanu (amaNdiya) eNdlu yabaThunywa. Ezi zindlu zintathu zazonganyelwe ingumongameli welizwe. INP ikwazise ezinye iinguqu kwezocalucalulo. Imithetho ekhethekileyo yocalucalulo yanyenyiswa okanye yasuswa,mithetho efana ne-Separate Amenities Act kwaneminye yayo ngokubhekisele kulawulo lokungena nokugcinwa kwemisebenzi. [Ukusuka www.sahistory.org.za>article>apartheid-era-1980s. Accessed on 12 February 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) IMBALI P2 (ISIHLOMELO) 3 UMTHOMBO 1B Le khathuni ingezantsi ibonisa ukuyilwa kwePalamente yeTri-cameral ngumgaqo-siseko omtsha we1983. [Ukusuka sahistory.org.za. Kufunyenwe nge-12 kaFebruwari 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com 4 IMBALI P2 (ISIHLOMELO) (EC/SEPTEMBA 2021) UMTHOMBO 1C Lo mthombo ungezantsi uchaza indlela i-United Democratic Front (UDF) eyasabela ngayo kwiinguqu ezenziwa ngurhulumente wengcinezelo ngeminyaka yoo1980. Esinye sezizathu zokuba iminyaka yoo-1980 yabanobundlobongela kwaye yenza uMzantsi Afrika ubenotshintsho kungenxa yokuba inkcaso yocalucalulo yamanyana. Kwakukho inyathelo elikhulu elivela ebantwini, kwaye nangona bonke babeyinxalenye yamaqela ohlukeneyo oluntu, basebenza kunye ngenjongo enye. Umbutho obaluleke kakhulu ngee1980s yayiyiUnited Democratic Front (UDF). Wasekwa ngokuphendula isikhalo sikaGqirha Allan Boesak kwintlanganiso yeTransvaal Anti-South African Indian Council's Congress. Ucebise ukuba yonke inkcaso kumgaqosiseko ka1983 kufuneka ibumbane, okanye njengoko ebeka: “Ezopolitiko zokwala zifuna ubumbano.” I-UDF yasekwa kuzwelonke kwindibano eyayiseMitchell’s Plain ngomhla wamashumi amabini kuAgasti 1983. Yayinamakhulukhulu abantu, abasetyhini, abafundi, iicawa, iimanyano zabasebenzi, amaqela ezenkcubeko, awemidlalo namanye amaqela. Kuphehlelelo, uGqirha Allan Boesak wabhekisa oku kwintetho yakhe, “Sifuna onke amalungelo ethu, siwafuna apha kwaye siwafuna ngoku.” Kwithuba elisusela ku1983 ukuya 1989 i-UDF yaziseka njengenye yeentshukumo ezibalaseleyo kwezopolitiko eMzantsi Afrika enemibutho engaphezulu kwama-600. Bathathe isigqibo nge logo kunye nesiqubulo esithi, 'IUDF iyamanyana, Ucalucalulo luyahlula'. IUDF yaphumelela kakhulu kwiphulo labo lokuqala 'Ungavoti' kwiPalamente yeTri-cameral, kwaye ukuphuma kwabavoti kunyulo lwalusezantsi kakhulu. NgeyoMqungu ngo1984 yasungula i’Million Signatures Campaign ’ukulwa ucalucalulo. Emva kokusekwa kwayo, iUDF ibhengeze ukuba ifuna ukuseka idemokhrasi eyinyani apho bonke abemi boMzantsi Afrika banokuthatha inxaxheba kwaye badale uMzantsi Afrika omnye, ongacalucaluli ngokobuhlanga, ongaqhekekanga. [Ukusuka www.globalsecurity.org>world>war>south-africa5.htm. Kufumaneka ngo-12 Februwari 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) IMBALI P2 (ISIHLOMELO) 5 UMTHOMBO 1D Lo mthombo ucacisa ukuba ukwayo lwerente luluntu kwilokishi yaseMamelodi ngo1986. Ubungqina bokuba ulwazi lwezopolitiko eziilokishnii kwanda kakhulu ukulwa (ubundlongondlongo) ngo1986 xa inkcaso yerenti yasasazeka kwiilokishi ezingama54 kwilizwe liphela. Oku kubandakanya malunga namakhaya angama-300 000 kwaye kwadla urhulumente ubuncinci amaR40 ezigidi ngenyanga. Ukutyeshelwa kukubhatalwa kwerente yayiyindlela yokubonisa izikhalazo kwezoqoqosho nezopolitiko. Izikhalazo zoqoqosho zibandakanya inqanaba kunye nomgangatho wokuphila ezidolophini (ukusinda): ukwehla kwemivuzo yokwenyani njengoko ukunyuka kwamaxabiso kunyuse iindleko zokutya ezisisiseko kunye nezothutho ngama20%, ukuxinana nomyinge wesizwe wabantu abali12 kwikhaya ngalinye, ukunqongophala okukhulu kwezindlu, ukunyuka kwerente kunye nentlawulo yeenkonzo (ngamanye amaxesha iyekwi100%) kunye nentswela-ngqesho ekhulayo. Izikhalazo zopolitiko zazinxulunyaniswa nokusilela kukarhulumente ukunika abantu abamnyama amalungelo ezopolitiko ngokubanzi kunye nokusilela okungagungqiyo kunye nokungekho semthethweni kwabasemagunyeni bengingqi. Ke ngoko, abahlali bahlasela batshisa izakhiwo zikarhulumente kwaye bafuna ukutshabalalisa zonke izinto zolawulo localucalulo. Uhlaselo oluninzi lwenziwe kumakhaya amapolisa amnyama kunye nooceba bedolophu. Incwadana yolwazi yeUDF kaAgasti ka1986 yabonisa ukuba irente ibingahlawulwa kuba ‘abantu bengakwazi ukuyihlawula. Ukwala ukubhatala irenti … yayinxalenye yeenzame zokwenza ucalucalulo lungasebenzi. ’Ukwala ukubhatala irente kuzenza buthathaka izitrakhtsazi zikarhulumente kwaye kubonisa ukuba akunakubakho rhafu ngaphandle kokumelwa. Ngokungafaniyo noqhanqalazo lwabathengi, olujolise ekucinezeleni urhulumente ngenqanaba eliphakathi labathengi abamhlophe kwezorhwebo, ukungahlawulwa kwerente kwaba ngumceli mngeni kurhulumente ngqo. UMongameli Botha wenza ukuba kusebenze umthetho wokhuselo ukujongana nezi ngxaki. Phakathi ku1985 wanyanzelisa owokuqala kuthotho lweemeko zonxunguphalo kwiindawo ezahlukeneyo zase Mzantsi Afrika. [Ukusuka https://markswilling.co.za/wp-content/uploads/2015/10/ UNITED-DEMOCRATIC-FRONT-AND- TOWNSHIP-REVOLT.pdf. Kufumaneka ngo-12 Februwari 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com 6 IMBALI P2 (ISIHLOMELO) (EC/SEPTEMBA 2021) UMBUZO 2: INKQUBO YOKUMANGALISWA KWEKHOMISHONI YENYANISO NONXIBELELWANO (TRC) YAYISONDEZA KWINTSAPHO YEDRG NEIL AGGETT? UMTHOMBO 2A Umthombo ongezantsi uchaza ngendima edlalwa nguGqirha Neil Aggett kumbutho wabasebenzi kunye neziganeko ezikhokelele ekufeni kwakhe. UNeil Aggett, umlungu wokuqala wase Mzantsi Afrika owasweleka eluvalelweni ngexesha localucalulo wazalelwa eKenya. Usapho luka-Aggett lwafudukela eMzantsi Afrika ngo1964. UAggett waba ngugqirha kwezonyango. Uqeqesho lwakhe kwisibhedlele saseMthatha Jikelele naseTembisa, ebezikwindawo “ezihlwempuzekileyo” zabantu abamnyama, kube negalelo kulwazi lwakhe kwezentlalo. Uye wabona ubungqina obugqithisileyo bezifo ezichaphazela abasebenzi abamnyama kwizibhedlele ezixineneyo, nezingenazinto zonyango ezaneleyo. Oku kungakhokelela ekubandakanyeni kwakhe kwiimanyano yabasebenzi, apho waduma ngokulwela abasebenzi kwi-African Food and Canning Worker Union. UAggett wabanjwa ngenxa yokuzibandakanya kwakhe kwimibutho yabasebenzi phantsi komthetho iTerrorism Act. Wasiwa eJohn Vorster Square, apho waphoswa khona imibuzo, wabethwa kwaye wangcungcuthekiswa ngamagosa eSebe eliKhethekileyo, awayembiza njengekomanisi. Nge5 kaFebruwari 1982, uAggett wazixhoma ngesikhafu. UAggett waba ngumntu wama-51 ukubhubha eluvalelweni lwamapolisa. Ubuncinane ngama15 000 awayeze emngcwabeni wakhe, kwaye ukusweleka kwakhe kwabangela uqhanqalazo olubanzi. [Ukusuka www.news24.com>news24>southafrica>news>explained-who-was-neil-aggett-and-why-he- importantimportant-20200122. Kufumaneka ngo-4 Februwari 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) IMBALI P2 (ISIHLOMELO) 7 UMTHOMBO 2B Le foto ibonisa umxhasi ezilele ukusweleka kukaNeil Aggett okwenzeka ngomhla we13 kuFebruwari 1982. [Ukusuka https:www.dailymaverick.co.za/article/2021-02-04-remembering-neil-aggett-the-modest-idealist- who-died-for-his-beliefs-39- years-ago. Kufumaneka nge-12 Julayi 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com 8 IMBALI P2 (ISIHLOMELO) (EC/SEPTEMBA 2021) UMTHOMBO 2C Lo mthombo ungezantsi ugxile ekuvulweni ngokutsha kophando kwiimeko ezakhokelela ekubulaweni kukaNeil Aggett. Phantse kumashumi amane eminyaka kamva, ukuphinda kuvulwe uphando malunga nokubulawa kukaNeil Aggett kungagqibela kunika iimpendulo nenyaniso. Uphando luye lwasusa amapolisa ocalucalulo, amagosa ezokhuseleko, kwinto engeyiyo. Babesithi uAggett uzibulele. Abahlobo bakhe kunye nosapho zange bakholelwe. Usapho, izihlobo kunye neqela labaxhasi, kubandakanya namagqwetha amalungelo oluntu, bacelumngeni kwi-National Prosecuting Authority (NPA) ukusukela ng2003 ukuba ityala likaAggett nelabanye abaphembeleli liphinde liphandwe. Amapolisa eSebe lezoKhuseleko, uLieutenant Steven Whitehead noMajor Arthur Conwright, bachongwa njengabangcungcuthekisi abaziintloko bakaAggett, babebhubhile. Nangona kunjalo, owayesakuba lipolisa kwisebe lezokhuseleko uNick Deetlefs, owayephakathi kwabo babencina abo babetyholwa ngokuhlukumeza abaphembeleli bezopolitiko, wayequkumbela ubungqina bakhe kuphando olwavulwa kwakhona malunga nokusweleka komzabalali olwa ucalucalulo uGqirha Neil Aggett. Wavuma ukuba waxoka kuphando lwangaphambili lukaAggett, olwalubandakanya ukufihla ibango lakhe lokuba uAggett wayethe akafuni kuphinda aphile. UDeetlefs utyhola isebe lezokhuseleko ngokumyalela ukuba axoke malunga nokusebenza kwabo, esongeza ukuba uthathe isigqibo sokuba uyakuthetha inyani emva kweengcebiso zabomthetho … 'Akukho mntu undoyikisayo (undoyikisayo) ngoku okanye ondixelela ukuba mandithini. Abameli bam bezomthetho bandixelele kwaye bandilumkisa ukuba mandithethe inyani ’. UDeetlefs wayexelele inkundla ukuba ukungcungcuthekiswa kwabo bavalelweyo kwezopolitiko yayiqhele ukwenziwa kumgangatho we10 eJohn Vorster Square Police Station, kodwa wathi akazi ukuba ngubani onoxanduva lokuhlukumeza emva kokucelwa ukuba abize amagama amagosa okhuseleko abetha abo babanjiweyo. Ummeli wosapho lukaAggett ubonakalise iinjongo zabo zokuqhubeka nokutshutshiswa kolwaphulomthetho ngokuchasene noDeetlefs njengoko babemtyhola ngokufihla ukungcungcuthekiswa nokubulawa kukaAggett. [Ukusuka https://www.iol.co.za/news/politics/neil-aggett-inquest-blow-to-deetlefs-credibility-43044277. Kufumaneka kwi-24 ngoFebruwari 2020.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) IMBALI P2 (ISIHLOMELO) 9 UMTHOMBO 2D Isicatshulwa esilandelayo sichaza udliwanondlebe lowayesakuba ngumkomishinala we- TRC, uYasmin Sooka owayebanjwe noJill Burger, udade bo-Neil Aggett, kwiNkundla ePhakamileyo yaseRhawutini ngomhla wama20 kuJanuwari 2020. Eli yayilityeli lesibini kusenziwa uphando lokuba usapho luchaphazeleke njani. Amapolisa amaninzi okhuseleko, kubandakanya uCronwright noWhitehead, khange benze sicelo soxolelo kwiTRC. Ke ngoko, kuye kwakho iinzame ezizinzileyo zabaphembeleli, usapho kunye neqela lenkxaso likaNeil Aggett ukuba bacenge (batyhale) urhulumente wasemva kocalucalulo ukuba alandele abangcungcuthekisi bakaAggett. Owayesakuba ngumkomishinala weTRC, uYasmin Sooka, uthi ukuvulwa kophando kubonisa umzuzu obalulekileyo kusapho lukaAggett nezinye iintsapho ezininzi ukuba zifunde malunga nokuba kwenzeka ntoni na kwabo babephathwa gadalala ngamapolisa okhuseleko. USooka uthe olu sapho lizimisele ukufikelela esiphelweni ngento eyenzekileyo, kodwa uninzi lwamapolisa awayefudula engocalucalulo amanye kuwo ayekwisigqeba sabaphathi babezidibanisa "ukuthintela naluphi na ulwazi oluvela kwizinto ezibachaphazelayo". UJill Burger uxelele inkundla ukuba usapho belusoloko lukholelwa ekubeni uNeil akazibulalalanga, nangona isigwebo sango1982 esacacisa amapolisa nakuphi na ukungalunganga. “Ngewayengazange azibulale. Wayeyindoda eyomeleleyo. Ndiyakholelwa ukuba amagosa asebupoliseni abeka ukubulawa kwakhe, okanye uzibulale ngenxa yempatho embi awayifumanayo. Bambulala.” Nangona iimbono zobusoshiyali zika-Aggett zikhokelele kungquzulwano notata wakhe owayengazi kakuhle ngezopolitiko, uBurger wathi utata wakhe wayekhathazekile kukusweleka konyana wakhe omncinci. “Utata akazange ayeke ukulila. Wayeyindoda eyaphukileyo, ”waxelela inkundla. Wathi umnqweno kayise xa wayebhubha kukuba ababulali bonyana wakhe baziswe ngaphambili. Wongeze ngelithi abanye babahlobo bakayise ababengagungqi babenoluvo lokuba uNeil ‘wayefumene okumfaneleyo’. Utata akazange aphinde athethe nabo.” “Ndisabuva ubuhlungu ndisenyembezana kuba wayephila ubomi obuncedo. Wayenokuninzi angancedisa ngako okusiphosileyo.” Uqhubeke wathi “umnqweno wam kukuba abe seluxolweni kwaye umama notata babe seluxolweni. Umama wam onothando, ndiyavuya ukuba zange aphile ukuva izinto ezavela kuphando.” [Ukusuka https:www.dailymaverick.co.za/article/2021-02-04-remembering-neil-aggett-the-modest-idealist- who-died-for-his-beliefs-39-years-ago. Kufumaneka ngo-4 Februwari 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com 10 IMBALI P2 (ISIHLOMELO) (EC/SEPTEMBA 2021) UMBUZO 3: LELIPHI IFUTHE ELENZIWE YINTSHOLONGWANE ICOVID-19 EMZANTSI AFRIKA? UMTHOMBO 3A Lo mthombo ucacisa ngemvelaphi yesifo ICovid19 kunye nefuthe laso eMzantsi Afrika. ICOVID19 yafumaneka okokuqala kwiPhondo laseHubei, kwisiXeko saseWuhan, eChina ekupheleni ko2019. Kungekudala emva koko, esi sifo saqala ukubangela isiphithiphithi (isiphithiphithi) kunye nefuthe elibi (eliyingozi) lo bhubhane wanyanzela uMbutho wezeMpilo weHlabathi. (WHO) ukuyibhengeza njengobhubhane wehlabathi. EMzantsi Afrika, ixhoba elafunyanwayo le-COVID-19 lashicelelwa nge5 Matshi 2020. Uloyiko lwenqanaba eliqikelelweyo apho ubhubhane wayeza kusulela abantu lakhuthaza urhulumente woMzantsi Afrika ukuba abhengeze lo bhubhane njengommandla welizwe wentlekele ngokomthetho woLawulo lweNtlekele. Imeko yesizwe yentlekele yabhengezwa ngomhla we15 kuMatshi ka2020 nguMongameli woMzantsi Afrika uCyril Ramaphosa ekuqaleni ibiqulathe ukuvalwa kokuhamba, iingcebiso ngohambo, ukungakhuthazi ukuthuthwa koluntu, ukuvalwa kwezikolo, kunye nokuthintela ukuhlangana kwabantu abangaphezulu kwekhulu. Emva koko, ngomhla wama23 kuMatshi ngowama2020, uMongameli Ramaphosa waseka inkqubo yokutshixwa kwesizwe okwakuza kuhlala iintsuku ezingama21 ukusuka ngomhla wama26 kuMatshi ngowama2020 ukuya kumhla we16 kuEpreli 2020. Ukutshixwa kwakuthetha ukuba phakathi kwezinye iindawo ezaziza kuvalwa kwangoko, zizikolo nawo onke amaziko emfundo ephakamileyo. Nge9 kaEpreli 2020, uMongameli woMzantsi Afrika wabhengeza ukuba uvaleleko luya kwandiswa ngezinye iintsuku ezili14. Ngokuvalwa kwelizwe, kuya kuthetha ukuba ikhalenda yezifundo zonyaka we-2020 iya kuchaphazeleka. Ukunciphisa inqanaba lokuphazamiseka kwizifundo, amaziko aliqela okufunda aphendule ngokuhambisa ezinye zeekhosi kumaqonga abo akwiIntanethi. Kwimfundo esisiseko, eminye imibutho engekho phantsi kukarhulumente yenza ukuba kufumaneke izixhobo zokufunda. [Ukusuka https://www.mdpi.com. Kufumaneka ngomhla we-13 Julayi 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) IMBALI P2 (ISIHLOMELO) 11 UMTHOMBO 3B Umthombo ongezantsi uchaza ifuthe lkwezentlalo obenalo ubhubhane weCOVID-19 kuMzantsi Afrika. ICOVID-19 ibonakalise ifuthe layo elinokubangela ukonakala (kokonakalisa) kwenye indawo, kodwa sisizathu esithile sokukhathazeka eMzantsi Afrika. Ngelixa amalinge ezempilo oluntu njengokugcina umgama phakathi kwabantu, ukunxiba iimaski nokuhlamba izandla rhoqo kuyakhuthazwa, izicwangciso ezinjalo zililungelo elikhethekileyo njengoko uninzi lungenakho ukulufumana kumatyotyombe axineneyo ali13% emakhayeni, uninzi lungenawo amanzi ahambayo. Iinkqubo zezempilo kumazwe anengeniso ephezulu luyandiswa, kodwa eMzantsi Afrika uninzi lwabantu luxhomekeke kwinkqubo yezempilo yoluntu engenazixhobo kwaye ilwela ukufikelela kwiimfuno zalo bhubhane. Ngelixa intsholongwane ingacaluli ngokobuhlanga, isini okanye imida, kunokwenzeka ukuba ichaphazele abahlwempuzekileyo kunye nabo banezinye izifo (izifo ezininzi). Umongameli Cyril Ramaphosa uchaze ukuba amanyathelo ‘angxamisekileyo nangqwabalala’ ayimfuneko ukunciphisa ukusasazeka kwentsholongwane. Ubume beNtlekele babhengezwa nguMongameli nge15 Matshi 2020, ngaloo ndlela kuncitshiswa amalungelo athile kunye nenkululeko eMzantsi Afrika. Ngexesha lokwaziswa uMzantsi Afrika ubunelona nani liphezulu lamaxhoba eAfrika. Izithintelo ezazisiweyo zezona zazingqongqo (zingqongqo) eAfrika, nanjengoko uMzantsi Afrika wawukuphela kwelizwe kwilizwekazi lase-Afrika lokufuna bonke abemi balo ukuba bahlale ekhaya. Amanyathelo abhengezwe ngomhla we15 kuMatshi nowama26 kuMatshi abonisa eyona ntsilelo ifanelekileyo kwinkululeko yokuhamba neyokuhlanganisana kuwo wonke uMzantsi Afrika ukususela ngexesha localucalulo. Ukusilela ekuthobeleni le mimiselo kunokubangela isohlwayo okanye ukuvalelwa entolongweni iinyanga ezintandathu nangaphezulu. Ukushiya indawo yokuhlala kuvunyelwe kuphela ukuthenga izinto ezibalulekileyo, ukufuna unyango, ukuthenga iimveliso zonyango, ukuqokelela izibonelelo zentlalo okanye ukuya kumngcwabo wabantu abangaphantsi kwama50. [Ukusuka https:/www.sanews.gov.za/south-africa/sa-shares-coronavirus-experiences-bricks. Kufumaneka kwi-25 Januwari 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com 12 IMBALI P2 (ISIHLOMELO) (EC/SEPTEMBA 2021) SOURCE 3C Umthombo ongezantsi uchaza iziphumo zoqoqosho ezazinendyikitya yokufa ye-COVID- 19 eMzantsi Afrika. Amacandelo oqoqosho ahlelelekileyo abandakanya amalaphu, iinkonzo zemfundo, ukutya kunye nendawo yokuhlala (kubandakanya ukhenketho), iziselo, icuba, iimveliso zeglasi nezihlangu. Ukusukela ezinzulwini zobusuku ngomhla wama26 kuMatshi ka2020, kungathengiswa kuphela iimpahla eziyimfuneko, oku kubandakanya nakuphi na ukutya kunye nemveliso yokutya yezilwanyana kunye neemveliso zempilo, izinto zonyango kunye nezibhedlele, ipetroli, injongo, irhasi kunye nezinto ezisisiseko, kubandakanya iethayimi nombane. Ukuthengiswa kotywala necuba kwakungavumelekanga. Ukulawulwa kwamaxabiso kwimpahla ethile kuye kwaziswa, kubandakanya nephepha langasese, isicoci sokuthambisa izandla kunye nezinye iimveliso zokutya. Ukusilela ekuthobeleni kungakhokelela kwisohlwayo okanye ukuvalelwa entolongweni kangangeenyanga ezintandathu. Uqoqosho luye lwabethakala kanobom nanjengoko uninzi lwamacandelo lujamelene nokwehla kwemveliso ngenxa yokuvaleleka. Abasebenzi badendwa kwaye ukungabikho kwemisebenzi kwenyuka. Imveliso Yeli Iyonke (iGDP) yehle ukusuka kwi5,1 ukuya kuthi ga kwi7,9 yeepesenti ngo2020. Ngenxa yokwehla kwengeniso yamakhaya kuzakubakho ukuhla kokusetyenziswa emakhaya, nto leyo izakuqhubela phambili ukwehla kwemveliso. Oku kuncitshiswa kwengeniso yamakhaya kuya kukhokelela kwindlala eyandayo, ngakumbi kwabo sele besesichengeni. [Ukusuka https://reliefweb.int>reportand covid-19-south-afri-so ca … Ku fi kelelwa nge-07 Julayi 2021.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com (EC/SEPTEMBA 2021) IMBALI P2 (ISIHLOMELO) 13 UMTHOMBO 3D Le khathuni ibonisa umsinga weesiThathu weCovid ochaphazela uMzantsi Afrika kunye nemfuneko yokukhusela abemi boMzantsi Afrika. [Ukusuka Mining Cartoons MiningWiikly.com … Accessed on 8 July 2021.] Umsinga wesithathu weCovid ISESESONA SIKHUSELI SETHU Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com 14 IMBALI P2 (ISIHLOMELO) (EC/SEPTEMBA 2021) IMIBULELO Imithombo ebonakalayo kunye nobunye ubungqina bembali buthathwe koku kulandelayo: https:www.dailymaverick.co.za/article/2021-02-04-remembering-neil-aggett-the-modest- idealist-who-died-for-his-beliefs-39- years-ago http://indianexpress.com/aricle/explained/coronavirus-india/lockdown-migrant-workers- mass-exodus-6348834/ https://sabctrc.saha.org.za/reports/volume3/chapter6/subsection24.htm https:/www.sanews.gov.za/south-africa/sa-shares-coronavirus-experiences-bricks https://thewire.in/world/bricks-and-covid-rising-powers-in-a-time-of-pandemic Mining Cartoons MiningWiikly.com … sahistory.org.za Times Live 7/2/2021 www.globalsecurity.org>world>war>south-africa5.htm www.news24.com>news24>southafrica>news>explained-who-was-neil-aggett-and- why-he-was-important-20200122 www.sahistory.org.za>article>apartheid-era-1980’s Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Nceda utyhile
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
14 HISTORY P2 (ADDENDUM) (EC/SEPTEMBER 2021) ACKNOWLEDGEMENTS Visual sources and other historical evidence were taken from the following: https:www.dailymaverick.co.za/article/2021-02-04-remembering-neil-aggett-the- modest-idealist-who-died-for-his-beliefs-39- years-ago http://indianexpress.com/aricle/explained/coronavirus-india/lockdown-migrant- workers-mass-exodus-6348834/ https://sabctrc.saha.org.za/reports/volume3/chapter6/subsection24.htm https:/www.sanews.gov.za/south-africa/sa-shares-coronavirus-experiences-bricks https://thewire.in/world/bricks-and-covid-rising-powers-in-a-time-of-pandemic Mining Cartoons MiningWiikly.com … sahistory.org.za Times Live 7/2/2021 www.globalsecurity.org>world>war>south-africa5.htm www.news24.com>news24>southafrica>news>explained-who-was-neil-aggett-and- why-he-was-important-20200122 www.sahistory.org.za>article>apartheid-era-1980’s Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
(EC/SEPTEMBER 2021) HISTORY P2 (ADDENDUM) 13 SOURCE 3D This cartoon depicts the Third Covid Wave affecting South Africa and the need to protect South Africans. [From Mining Cartoons MiningWiikly.com. Accessed on 8 July 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
12 HISTORY P2 (ADDENDUM) (EC/SEPTEMBER 2021) SOURCE 3C The source below describes the economic effects that the COVID-19 pandemic had on South Africa. The economic sectors most disadvantaged include textiles, educational services, catering and accommodation (including tourism), beverages, tobacco, glass products and footwear. As of midnight on 26 March 2020, only essential goods may be sold. This includes any food and animal food products and hygiene products, medical and hospital supplies, fuel, coal, gas and basic goods, including airtime and electricity. The selling of alcohol and cigarettes were prohibited. Price controls on certain goods have also been introduced, including toilet paper, hand sanitiser and some food products. Failure to comply can result in a fine or imprisonment of up to six months. The economy was severely hit as most of the sectors faced a decrease in their productivity due to the lockdown. Workers were laid-off and unemployment rose. The Gross Domestic Product (GDP) fell from 5,1 and up to 7,9 percent in 2020. Given the decrease on household income there will be a decrease in household consumption, which will further fuel the decrease in production. This reduced household income will also lead to increased poverty, especially among the already vulnerable (helpless). [From https://reliefweb.int>reportand covid-19-south-afri-so ca … Accessed on 07 July 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
(EC/SEPTEMBER 2021) HISTORY P2 (ADDENDUM) 11 SOURCE 3B The source below describes the social impact that the COVID-19 pandemic had on South Africa. COVID-19 has shown its potential devastating (damaging) impact elsewhere, but it is a particular cause for concern in South Africa. While public health strategies such as social distancing, wearing of masks and regular handwashing are encouraged, such strategies are a privilege as many cannot afford it in the overcrowded, informal settlements that is 13% of all households, where many don’t have access to running water. The health systems in high income countries are being stretched, but in South Africa most people rely on the public health system that is under-resourced and is struggling to meet the demands of the pandemic. While the virus does not discriminate on the basis of race, sex or borders, it is likely to affect the poor and those suffering from other comorbidities (multiple illnesses). President Cyril Ramaphosa stated that ‘urgent and drastic’ measures were necessary to limit the spread of the virus. A State of Disaster was declared by the President on 15 March 2020, thereby limiting certain rights and freedoms within South Africa. At the time of the announcements South Africa had the highest number of cases in Africa. The restrictions introduced were the most stringent (strict) in Africa, as South Africa was then the only country on the African continent to require all of its citizens to remain at home. The measures announced on 15 March and 26 March represents the most comprehensive limitations on the freedom of movement and assembly of all South Africa since apartheid. A failure to adhere to these regulations may result in a fine or imprisonment of six months or more. The leaving of a residence is only permitted to buy essential goods, seek medical attention, buy medical products, collect social grants or attend a funeral of no more than 50 people. [From https:/www.sanews.gov.za/south-africa/sa-shares-coronavirus-experiences-bricks. Accessed on 25 January 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
10 HISTORY P2 (ADDENDUM) (EC/SEPTEMBER 2021) QUESTION 3: WHAT IMPACT DID THE GLOBAL COVID-19 PANDEMIC HAVE ON SOUTH AFRICA? SOURCE 3A This source explains the origin of the Covid-19 pandemic and its intended impact on South Africa. COVID-19 was first identified in the Hubei Province, City of Wuhan, China in the latter part of 2019. Soon after, this disease began to wreak havoc (chaos) and the devastating (harmful) effect of the pandemic forced the World Health Organisation (WHO) to declare it as a global pandemic. In South Africa, the first confirmed case of COVID-19 was recorded on 5 March 2020. The fear of the predicted rate at which the pandemic was to infect people motivated the South African government to declare this pandemic a national state of disaster in terms of the Disaster Management Act. The national state of disaster declared on 15 March 2020 by the President of South Africa Cyril Ramaphosa initially contained partial travel bans, travel advisories, discouraging public transport, the closing of schools, and prohibiting gatherings of more than 100 people. Subsequently, on 23 March 2020, President Ramaphosa instituted a national lockdown that would last for 21 days from 26 March 2020 to 16 April 2020. The lockdown meant that among other organisations that would immediately close were schools and all institutions of higher learning. On 9 April 2020, the President of South Africa announced that the lockdown would be extended by a further 14 days. With the national lockdown, it would mean that the academic calendar for the year 2020 would be affected. To reduce the extent of academic disruptions, several learning institutions responded by moving some of the courses to their online platforms. For basic education, some Non-Governmental Organisations made learning materials available. [From https://www.mdpi.com. Accessed on 13 July 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
(EC/SEPTEMBER 2021) HISTORY P2 (ADDENDUM) 9 SOURCE 2D The following extract describes an interview by former TRC commissioner, Yasmin Sooka that was held with Jill Burger, Neil Aggett’s sister, at the Johannesburg High Court on 20 January 2020. This was at the second inquest of how his death affected their family. Many security police, including Cronwright and Whitehead, did not apply for amnesty at the TRC. Therefore, there has been a sustained attempt by activists, the family and the Neil Aggett support group to lobby (push) for the post-apartheid state to pursue Aggett’s torturers. Former TRC commissioner, Yasmin Sooka, says the opening of the inquest marks an important moment for Aggett’s family and many other families to learn about what really happened to those that were brutally tortured by the security police. Sooka said the family is determined to get to the bottom of what happened, but that many former apartheid police officers – some of whom were in command structures – have been regrouping “to prevent any information emerging around things that implicate them”. Jill Burger told the court the family always believed that Neil did not commit suicide, despite a 1982 ruling that cleared the police of any wrongdoing. “He would have never committed suicide. He was a strong man. I believe that the police officers either staged his death, or he committed suicide as a result of the brutal treatment he received. They killed him.” Although Aggett’s socialist views had led to clashes with his less politically aware father, Burger said her father had been distraught about his youngest son’s death. “My father could not stop weeping. He was a broken man,” she told the court. She said her father’s dying wish was that his son’s killers be brought to book. She added that some of her late father’s conservative friends had been under the impression that Neil ‘had got what he deserved’. “My father never spoke to those people again.” “I do still get sad and teary because he was living such a useful life. He had so much more to contribute and we’ve all missed out.” She further continued to say “my wish is that he is at peace and that my mother and father are at peace. My poor loving mother, I’m glad she didn’t live to hear the things that are coming out of the inquest.” [From https:www.dailymaverick.co.za/article/2021-02-04-remembering-neil-aggett-the-modest-idealist-who- died-for-his-beliefs-39-years-ago. Accessed on 4 February 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
8 HISTORY P2 (ADDENDUM) (EC/SEPTEMBER 2021) SOURCE 2C The source below focuses on the reopening of the inquest into the circumstances that led to the murder of Neil Aggett. Nearly four decades later, the reopening of the inquest into the death in detention of Neil Aggett may finally yield answers and truth. An inquest cleared the apartheid police, security branch officers, of wrongdoing. They called Aggett’s death a suicide. His friends and family have never believed it. Family, friends and a team of supporters, including human rights lawyers, have challenged the National Prosecuting Authority (NPA) since 2003 to have Aggett’s case and those of other activists be reinvestigated. Security Branch policemen, Lieutenant Steven Whitehead and Major Arthur Conwright, who were identified as Aggett’s chief torturers, have died. However, former security branch police officer Nick Deetlefs, who was among the interrogators accused of torturing political activists, was concluding his testimony at the reopened inquest into the death of anti- apartheid activist Dr Neil Aggett. He admitted that he had lied in the previous Aggett inquest, which included concealing his claim that Aggett had said that he did not want to live anymore. Deetlefs accused the security branch of having instructed him to lie about their operations, adding that he had decided that he would tell the truth after legal advice … ‘There is no one that is intimidating (threatening) me now or telling me what to say. My legal representatives told me and warned me that I should tell the truth’. Deetlefs had initially told the court that torture of political detainees was routine practice at the notorious 10th floor of John Vorster Square Police Station, but said he did not know who was responsible for the torture after being asked to name the security officers who assaulted detainees. Aggett’s family representative indicated their intention to pursue criminal prosecution against Deetlefs as they accused him of covering up the torture and murder of Aggett. [From https://www.iol.co.za/news/politics/neil-aggett-inquest-blow-to-deetlefs-credibility-43044277. Accessed on 24 February 2020.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
(EC/SEPTEMBER 2021) HISTORY P2 (ADDENDUM) 7 SOURCE 2B This photograph shows a supporter mourning the death of Neil Aggett that took place on 13 February 1982. [From https:www.dailymaverick.co.za/article/2021-02-04-remembering-neil-aggett-the-modest-idealist- who-died-for-his-beliefs-39- years-ago. Accessed on 12 July 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
6 HISTORY P2 (ADDENDUM) (EC/SEPTEMBER 2021) QUESTION 2: DID THE AMNESTY PROCESS OF THE TRUTH AND RECONCILIATION COMMISSION (TRC) BRING CLOSURE TO THE FAMILY OF DR NEIL AGGETT? SOURCE 2A The source below explains the role that Dr. Neil Aggett played in the labour movement and the events that led to his death. Neil Aggett, the first white South African who died in detention during apartheid was born in Kenya. Aggett’s family moved to South Africa in 1964. Aggett became a medical doctor. His internship at the Mthatha General Hospital and in Tembisa, which were located in poor “black areas”, contributed to his social consciousness. He witnessed the extreme poverty and diseases affecting black workers in these overcrowded, poorly resourced hospitals. This would lead to his involvement in the trade union movement , where he became famous for fighting the cause of workers in the African Food and Canning Worker’s Union. Aggett was arrested for his involvement in the labour movement under the Terrorism Act. He was taken to John Vorster Square, where he was repeatedly interrogated, beaten and tortured by the Special Branch officers, which labelled (regarded) him as a communist. On 5 February 1982, Aggett hanged himself with a scarf. Aggett became the 51 st person to die in police detention. At least 15 000 attended his funeral, and his death sparked widespread protests and strikes. [From www.news24.com>news24>southafrica>news>explained-who-was-neil-aggett-and-why-he- importantimportant-20200122. Accessed on 4 February 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
(EC/SEPTEMBER 2021) HISTORY P2 (ADDENDUM) 5 SOURCE 1D This source explains the rent boycotts embarked on by civil society in the township of Mamelodi in 1986. Evidence that political consciousness in the townships had become increasingly combative (aggressive) emerged during 1986 when the rent boycott spread to 54 townships countrywide. This involved about 300 000 households and cost the state at least R40 million per month. The rent boycotts were a response to both economic and political grievances. Economic grievances involved the level and quality of urban subsistence (survival): declining real wages as inflation increased the cost of basic foodstuff and transport by 20%, overcrowding with a national average of 12 people per household, massive housing shortages, rising rent and service charges (sometimes by 100%) and growing unemployment. Political grievances were linked to state failure to give blacks political rights in general and the persistent inadequacy and illegitimacy of the black local authorities in particular. Therefore, residents attacked and burned government buildings and sought to destroy all elements of the apartheid administration. Numerous attacks were made on the homes of black policemen and town councillors. An August 1986 UDF information pamphlet pointed out that rent was not being paid because ‘people are simply unable to afford it. The rent boycott is … part of an attempt to make apartheid unworkable.’ The rent boycott weakens the structures of the government and demonstrates that there can be no taxation without representation. Unlike consumer boycotts, which aimed at pressurising the state through the middle class white commercial interest, rent boycotts challenge the state directly. President Botha activated security legislation to deal with these crises. In mid-1985 he imposed the first in a series of state of emergencies in various troubled parts of South Africa. [From https://markswilling.co.za/wp-content/uploads/2015/10/ UNITED- DEMOCRATIC-FRONT-AND- TOWNSHIP-REVOLT.pdf. Accessed on 12 February 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
4 HISTORY P2 (ADDENDUM) (EC/SEPTEMBER 2021) SOURCE 1C This source below describes the reaction of the United Democratic Front (UDF) towards the reforms implemented by the apartheid government in the 1980s. One of the reasons why the 1980s became so violent and moved South Africa towards change was because the opposition to apartheid became united. There was mass action from the people, and although they were all part of different community groups, they acted together for the same aim. A very important organisation during the 1980s was the United Democratic Front (UDF). It was established in response to a call by Dr Allan Boesak at a meeting of the Transvaal Anti-South African Indian Council’s Congress. He suggested that all opposition to the 1983 constitution should be united, or as he put it, “the politics of refusal needed a united front.” The UDF was launched nationally at a meeting in Mitchell’s Plain on 20 August 1983. It consisted of hundreds of women, students, churches, trade unions, cultural, sporting and other groups. At the launch Dr Allan Boesak stated in his speech, “We want all our rights, we want it here and we want it now.” In the period from 1983 to 1989 the UDF established itself as one of the most prominent political movements in South Africa with more than 600 affiliated organisations. They decided on a logo and a slogan, ‘UDF Unites, Apartheid Divides.’ The UDF was quite successful in their initial ‘Don’t Vote’ campaign for the Tri- cameral Parliament, and voter turn-out at the elections was very low. In January 1984 it launched the ‘Million Signatures Campaign’ against apartheid. After its formation, the UDF declared it wanted to establish a true democracy in which all South Africans could participate and create a single, non-racial, unfragmented (undivided) South Africa. [From www.globalsecurity.org>world>war>south-africa5.htm. Accessed on 12 February 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
(EC/SEPTEMBER 2021) HISTORY P2 (ADDENDUM) 3 SOURCE 1B This cartoon below depicts the creation of the Tri-cameral Parliament by the new constitution of 1983. [From sahistory.org.za. Accessed on 12 February 2021]. Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
2 HISTORY P2 (ADDENDUM) (EC/SEPTEMBER 2021) QUESTION 1: WHAT WERE THE CHALLENGES THAT THE SOUTH AFRICAN GOVERNMENT FACED DURING THE 1980s? SOURCE 1A This source below explains why there was increased resistance to apartheid in the 1980s. After the Soweto Uprising of 1976, the South African government led by P.W. Botha, introduced changes which it claimed were reforms, called the ‘Total Strategy’. Botha also realised the strength of united black resistance. The National Party (NP) government had initially used a ‘divide and rule’ approach by dividing the population into ethnic (Xhosa, Zulu, etc) groups and by treating each other differently. This division was however failing and the resistance against apartheid becoming more and more united. The government therefore tried to find new ways of dividing the population. Its strategy was to admit a small and carefully chosen and controlled number of black people into the middle class. The thinking was that, by creating a richer, black middle class, who would support apartheid and the government because they now needed apartheid to keep their elevated (higher) positions, black resistance would be reduced. In 1982 P.W. Botha’s government passed the Urban Bantu Authorities Act which was an attempt to give more power to black local councillors in the townships. The government also tried to make the gap between Coloured, Indian and African more defined. This was done through the new constitution that the NP introduced in 1983. The constitution created a new parliamentary system, called the Tricameral Parliament. Botha’s government suggested that political power in South Africa be shared among Whites, Coloureds and Indians, with separate houses of parliament to be established for each racial group. The new constitution came into force in 1984, comprising of one hundred and seventy-eight (178) members (all white) House of Assembly, an eighty-five (85) member (coloured) House of Representatives and a forty-five (45) member (Indian) House of Delegates. Presiding over the three houses was the state president. The NP also introduced some other reforms to apartheid. Specific apartheid laws were relaxed or removed, such as the Separate Amenities Act and even some of them regarding influx control of black people to cities in South Africa and job reservation for whites. [From www.sahistory.org.za>article>apartheid-era-1980s. Accessed on 12 February 2021.] Copyright reserved Please turn over Downloaded from hlayiso.com
NATIONAL SENIOR SERTIFICATE GRADE 12 SEPTEMBER 2021 HISTORY P2 ADDENDUM This addendum consists of 14 pages. Downloaded from hlayiso.com

Study this subject

More from Grade 12 History

View all